4 Zacaphuka ke ngakuye iinkosana zamaFilisti; zaza zathi kuye: “Yenze ibuye le ndoda,+ kwaye yibuyisele endaweni oyabele yona; mayingehli nathi ukuya edabini, ukuze ingabi ngumchasi+ wethu edabini. Yaye lo mntu uya kuzenza akholeke ngantoni na enkosini yakhe? Akungeentloko zaloo madoda ethu na?