-
1 Samuweli 9:13INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
13 Kamsimnya nje nakufika esixekweni, niya kuyifumana kanye ngaphambi kokuba inyuke iye kudla endaweni ephakamileyo; ngenxa yokuba abantu abanakudla de kube sekufikeni kwayo, kuba yiyo esikelela umbingelelo.+ Emva koko badle ke kuqala abo bamenyiweyo. Nyukani ke, ngenxa yokuba yona—niya kuyifumana kanye ngoku.”
-
-
1 Samuweli 9:24INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
24 Waza ke umpheki wawuphakamisa umlenze noko kwakuphezu kwawo, wawubeka phambi koSawule. Wahlabela mgama wathi: “Naku oko bekubekiwe. Yibeke phambi kwakho. Yidla, ngenxa yokuba bebeyibekele wena ukusa kwixesha elimisiweyo ukuze uyidle nabo bamenyiweyo.” Ngoko uSawule wadla noSamuweli ngaloo mini.
-