23 Yayinguye lo waxabela indoda engumYiputa, indoda eyayinkulu ngokungaqhelekanga, eyayiziikubhite ezintlanu.+ Yaye esandleni somYiputa lowo kwakukho umkhonto+ onjengomqobo wabaluki; ukanti yena wehla waya kuye enentonga, wawuxhwila umkhonto esandleni somYiputa waza wambulala ngomkhonto wakhe.+