15 Wandula ke wabuyela kumntu kaTHIXO oyinyaniso,+ yena nalo lonke iqela lakhe, weza wama phambi kwakhe waza wathi: “Yabona, ndiyazi ngokuqinisekileyo ukuba akukho Thixo naphi na emhlabeni ngaphandle kwakwaSirayeli.+ Ke kaloku, nceda, yamkela isipho esiyintsikelelo+ esivela kumkhonzi wakho.”