-
1 Samuweli 31:4INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
4 Wandula ke uSawule wathi kumphathi wezikrweqe zakhe: “Rhola ikrele lakho+ uze undihlabe ngalo, ukuze la madoda angalukanga+ angezi aze ngokuqinisekileyo andihlabe, andiphathe kakubi.” Umphathi wezikrweqe zakhe akavumanga,+ ngenxa yokuba wayesoyika kakhulu. Ngoko uSawule walithabatha ikrele waza waziwisa phezu kwalo.+
-
-
2 Samuweli 17:23INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
23 Ke yena uAhitofele, wabona ukuba kwakungenziwanga ngecebo lakhe,+ yaye wafaka isali e-esileni, wesuka ke waza waya endlwini yakhe kwisixeko sakowabo.+ Wandula ke wanikela imiyalelo kwindlu yakhe+ waza wazikrwitsha+ waba ngaloo ndlela uyafa.+ Ngoko wangcwatyelwa+ kwindawo yokungcwaba yookhokho bakhe.
-