IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Genesis 3:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Wamgxotha ke umntu waza wamisa ngasempuma komyezo wase-Eden+ iikherubhi+ nencakuba yekrele enelangatye nejikajikayo ukuba iqhubeke ilinde indlela eya emthini wobomi.

  • Eksodus 25:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Wenze neekherubhi zibe mbini ngegolide. Wozenza ngokuzikhanda zibe seziphelweni zozibini zesigubungelo.+

  • 1 Kumkani 6:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Waza wabeka iikherubhi ngaphakathi kwindlu engaphakathi, ukuze oluleke amaphiko eekherubhi.+ Ngaloo ndlela iphiko lenye lafika edongeni yaye iphiko lenye ikherubhi lalifika kolunye udonga; kwaye amaphiko azo ayesesazulwini sendlu, iphiko lifikelela ephikweni.+

  • 1 Kronike 28:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 nezesibingelelo sesiqhumiso+ sokusulungekisa igolide ngokobunzima nezembonakaliso yenqwelo,+ eyile, iikherubhi+ zegolide ezolula amaphiko azo zikhusela ityeya yomnqophiso kaYehova.

  • 2 Kronike 3:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Wahlabela mgama wagubungela indlu, imiqadi, imibundu neendonga zayo neengcango zayo ngegolide;+ waza wakrola iikherubhi ezindongeni.+

  • Hezekile 41:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 kwaneekherubhi ezikroliweyo+ nemifanekiso yomthi wesundu,+ umfanekiso womthi wesundu uphakathi kwekherubhi nekherubhi, ikherubhi yayinobuso obubini.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share