13 UAmatsiya ukumkani wakwaYuda unyana kaYehowashe unyana ka-Ahaziya wathinjwa nguYehowashe ukumkani wakwaSirayeli eBhete-shemeshe, emva koko beza eYerusalem waza waqhekeza udonga eYerusalem kwiSango lakwaEfrayim+ ukuya kufikelela kwiSango leMbombo,+ amakhulu amane eekubhite.