IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Kumkani 11:31
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 31 Yaye wahlabela mgama wathi kuYerobhoham:

      “Zithabathele iziqwenga ezilishumi; kuba utshilo uYehova uTHIXO kaSirayeli ukuthi, ‘Ndiyabukrazula ubukumkani esandleni sikaSolomon, kwaye ngokuqinisekileyo ndiya kukunika izizwe ezilishumi.+

  • 1 Kumkani 12:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Yaye kwathi kamsinya nje akuba uYerobhoham+ unyana kaNebhati ekuvile oko ngoxa wayeseseYiputa (ngenxa yokuba wayebaleke uKumkani uSolomon, ukuze uYerobhoham ahlale eYiputa),+

  • 1 Kumkani 12:32
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 32 UYerobhoham wenza umthendeleko ngenyanga yesibhozo ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga, njengomthendeleko owawukwaYuda,+ ukuze enze umnikelo esibingelelweni awayesenze eBheteli, ukuze abingelele kumathole enkomo awayewenzile; ibe wababeka ababingeleli beendawo eziphakamileyo awayezenzile eBheteli+ ukuba bafeze inkonzo.

  • 1 Kumkani 14:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 ngenxa yeso sizathu ndiyizisela intlekele indlu kaYerobhoham, yaye ngokuqinisekileyo ndiya kunqumla kwaYerobhoham nabani na ochamela eludongeni,+ lowo ungeloncedo nongento yanto kwaSirayeli;+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kuyitshayela indlu kaYerobhoham,+ kanye njengoko ubani esusa ubulongwe abulahle.+

  • 2 Kronike 11:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Kuba abaLevi bashiya amadlelo+ abo nelifa+ labo baza beza kwaYuda naseYerusalem,+ ngenxa yokuba uYerobhoham+ noonyana bakhe babayekisa+ ekusebenzeni njengababingeleli kuYehova.

  • 2 Kronike 13:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Ngoko uAbhiya walwa imfazwe nomkhosi wamajoni angamakhulu amane amawaka amadoda emfazwe anamandla,+ amadoda anyuliweyo. UYerobhoham yena wakha uluhlu lwedabi nxamnye naye namadoda angamakhulu asibhozo amawaka anyuliweyo, angamakroti, amadoda anamandla.+

  • 2 Kronike 13:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Akaba saba namandla+ uYerobhoham ngemihla ka-Abhiya; kodwa uYehova wambetha ngesibetho,+ ngokokude afe.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share