Duteronomi 28:63 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 63 “Kothi kanye njengokuba uYehova wayegcoba ngani ukuba anenzele okulungileyo, anandise,+ enjenjalo uYehova ukugcoba ngani ukuba anitshabalalise, anibhubhise;+ ninyothulwe emhlabeni lowo uya kuwo ukuba uwudle ilifa.+ 1 Kumkani 14:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 Yaye uya kumyeka uSirayeli+ ngenxa yezono zikaYerobhoham one ngazo namonise ngazo uSirayeli.”+ Hoseya 1:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 UYehova wahlabela mgama wathi kuye: “Mthiye igama elinguYizereli,+ kuba kulithuba elincinane ukuze ndiyiphendulise indlu kaYehu+ ngezenzo zophalazo-gazi zaseYizereli, ndize ndiyiyekise ulawulo lwasebukhosini indlu kaSirayeli.+ Amosi 5:27 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 27 Ndiza kunibangela niye ekuthinjweni ngaphaya kweDamasko,’+ utsho lowo ugama lakhe linguYehova uTHIXO wemikhosi.”+ Mika 1:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Ngokuqinisekileyo iSamariya ndiya kuyenza imfumba yamanxuwa asendle,+ iindawo zokutyala izidiliya; kwaye amatye ayo ndiza kuwaphosa entlanjeni, neziseko zayo ndiya kuzityhila.+
63 “Kothi kanye njengokuba uYehova wayegcoba ngani ukuba anenzele okulungileyo, anandise,+ enjenjalo uYehova ukugcoba ngani ukuba anitshabalalise, anibhubhise;+ ninyothulwe emhlabeni lowo uya kuwo ukuba uwudle ilifa.+
4 UYehova wahlabela mgama wathi kuye: “Mthiye igama elinguYizereli,+ kuba kulithuba elincinane ukuze ndiyiphendulise indlu kaYehu+ ngezenzo zophalazo-gazi zaseYizereli, ndize ndiyiyekise ulawulo lwasebukhosini indlu kaSirayeli.+
27 Ndiza kunibangela niye ekuthinjweni ngaphaya kweDamasko,’+ utsho lowo ugama lakhe linguYehova uTHIXO wemikhosi.”+
6 Ngokuqinisekileyo iSamariya ndiya kuyenza imfumba yamanxuwa asendle,+ iindawo zokutyala izidiliya; kwaye amatye ayo ndiza kuwaphosa entlanjeni, neziseko zayo ndiya kuzityhila.+