4 Noko ke, ukumkani waseAsiriya walifumana iyelenqe+ likaHosheya, kuba wayethumele abathunywa kuSo ukumkani waseYiputa+ waza akaluzisa unikelo kukumkani waseAsiriya njengakwiminyaka engaphambili. Ngenxa yoko ukumkani waseAsiriya wamvalela wamgcina ebotshiwe endlwini yamabanjwa.+