9 UYehoyada umbingeleli wathabatha isikhongozelo+ waza wagqobhoza umngxuma esicikweni saso wasibeka ecaleni kwesibingelelo ngasekunene xa umntu engena endlwini kaYehova, yaye apho ababingeleli, abagcini-mnyango,+ babeka yonke imali+ eyayisiziswa endlwini kaYehova.