22 Ingqukuva eyayiphezu kwayo yayiyeyobhedu,+ ukuphakama kwengqukuva enye kwakuziikubhite ezintlanu;+ ngokubhekisele kuwo umnatha ophinyeneyo neerharnati eziphezu kwengqukuva, macala onke,+ zazilubhedu zonke; nezentsika yesibini zazikwafana nezi, kwaneerharnati.+