10 Ngoko ndema phezu kwakhe ndaza ngokuqinisekileyo ndambulala,+ kuba bendisazi ukuba akanakuphila emva kokuwa kwakhe. Ndandula ke ndathabatha isithsaba+ esibe sisentlokweni yakhe nesacholo esibe sisengalweni yakhe, ukuze ndizizise apha enkosini yam.”