14 Wandula ke wavutha umsindo kaYehova kuMoses waza wathi: “Akanguye na umntakwenu uAron umLevi?+ Ndiyazi ukuba angakwazi ukuthetha. Yaye, ngapha koko, nanko ephuma esiza kukuhlangabeza. Wothi akukubona, ngokuqinisekileyo ibe nemihlali intliziyo yakhe.+