17 Ndazi kakuhle, Thixo wam, ukuba ungumgocagoci wentliziyo,+ nokuba ukholiswa kokuthe tye.+ Ke mna, ngentliziyo ethe tye ndizinikele zonke ezi zinto ngokuzithandela, ndinandipha ukubona abantu bakho abakhoyo apha besenza iminikelo yokuzithandela kuwe.