15 Kwaye oonyana bakaSirayeli bamemeza becela uncedo kuYehova.+ Ngoko uYehova wabavelisela umsindisi, uEhudi+ unyana kaGera, umBhenjamin,+ indoda elinxele.+ Ekuhambeni kwexesha oonyana bakaSirayeli bathumela unikelo ngesandla sakhe kuEglon ukumkani wakwaMowabhi.