IMizekeliso 10:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Ukukhunjulwa kwelungisa kuyintsikelelo,+ kodwa igama labakhohlakeleyo liya kubola.+ IMizekeliso 11:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Ngenxa yokulunga kwamalungisa idolophu iyachulumanca,+ kodwa xa abangendawo betshabalala kubakho intswahla yovuyo.+ IMizekeliso 29:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Xa esiba maninzi amalungisa, abantu baba nemihlali;+ kodwa xa kulawula ongendawo, abantu bayancwina.+ INtshumayeli 8:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Kodwa, nangona oko kunjalo, ndibabonile abangendawo bengcwatywa,+ indlela abafika ngayo nendlela abemka ngayo endaweni engcwele+ baze balityalwe kweso sixeko abenze ngaloo ndlela kuso.+ Kwanako oku kungamampunge. Yeremiya 22:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 “Ngoko ke utsho uYehova ngokuphathelele uYehoyakim+ unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, ‘Abayi kumenzela sijwili ngokuthi: “Awu, mntakwethu! Awu, dade wethu!” Abayi kumenzela sijwili ngokuthi: “Awu, nkosi! Awu, isidima sakhe!”+
10 Ngenxa yokulunga kwamalungisa idolophu iyachulumanca,+ kodwa xa abangendawo betshabalala kubakho intswahla yovuyo.+
2 Xa esiba maninzi amalungisa, abantu baba nemihlali;+ kodwa xa kulawula ongendawo, abantu bayancwina.+
10 Kodwa, nangona oko kunjalo, ndibabonile abangendawo bengcwatywa,+ indlela abafika ngayo nendlela abemka ngayo endaweni engcwele+ baze balityalwe kweso sixeko abenze ngaloo ndlela kuso.+ Kwanako oku kungamampunge.
18 “Ngoko ke utsho uYehova ngokuphathelele uYehoyakim+ unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, ‘Abayi kumenzela sijwili ngokuthi: “Awu, mntakwethu! Awu, dade wethu!” Abayi kumenzela sijwili ngokuthi: “Awu, nkosi! Awu, isidima sakhe!”+