6 Yaye wadlulisa oonyana bakhe emlilweni+ entlanjeni yonyana kaHinom,+ waza waqhelisela umlingo+ wasebenzisa ukuvumisa+ waqhelisela nokukhafula+ wenza abaneshologu+ nabaxeli-ziganeko kwangaphambili+ abaziinkunkqele. Wenza okubi emehlweni kaYehova ngokomlinganiselo omkhulu, ukuze amcaphukise.+