18 Yaye akuzange kwenziwe pasika injengaleyo kwaSirayeli ukususela ngemihla kaSamuweli umprofeti,+ akukho nawuphi na kookumkani+ bakwaSirayeli owenza ipasika enjengaleyo wayenzayo uYosiya nababingeleli nabaLevi noYuda wonke noSirayeli owayefumaneka nabemi baseYerusalem.