6 Kwathi ngonyaka wamakhulu amane anamashumi asibhozo emva kokuba oonyana bakaSirayeli bephumile kwilizwe laseYiputa,+ kunyaka wesine,+ ngenyanga kaZivi,+ oko kukuthi, inyanga yesibini,+ emva kokuba uSolomon ebe ngukumkani kwaSirayeli, wamakhela uYehova indlu.+