2 Wandula uShekaniya unyana kaYehiyele+ wakoonyana bakaElam+ waphendula waza wathi kuEzra: “Thina—senze ngokungathembeki nxamnye noThixo wethu, kangangokuba abafazi basemzini abavela kwizizwana zeli lizwe sibanike indawo yokuhlala.+ Ke kaloku kukho ithemba+ ngoSirayeli ngokuphathelele oku.