14 Emva koko wakha udonga lwangaphandle+ lwesiXeko sikaDavide+ ukusa entshona yeGihon+ kwintlambo efikelela kwiSango Leentlanzi,+ yaye wazunguleza iOfeli+ waza wayenza yaphakama kakhulu. Ngapha koko, wabeka iintloko zomkhosi wamajoni kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaYuda.+