8 Ecaleni kwakhe u-Uziyeli unyana kaHarehaya, umkhandi wegolide,+ wayesenza umsebenzi wokulungisa; yaye ecaleni kwakhe uHananiya ilungu labenzi bezithambiso+ wayesenza umsebenzi wokulungisa; ibe bayilungisa iYerusalem ukuya kufikelela kuDonga Olubanzi.+