16 “Ngoko ke utsho uYehova uTHIXO wemikhosi, uYehova, ukuthi, ‘Kuya kubakho isijwili kuzo zonke iindawo zembutho,+ nasezitratweni zonke abantu baya kuthi: “Awu! Awu!” Kuya kufuneka babizele umlimi ekuzileni,+ nabo banamava esijwili ukuza kwenza isijwili.’+