2 Yaye kwathi, kamsinya nje ukumkani akumbona ukumkanikazi uEstere emi entendelezweni, wazuza inkoleko+ emehlweni akhe, kangangokuba ukumkani wamolulela uEstere intonga yasebukhosini+ yegolide eyayisesandleni sakhe. UEstere ke wasondela waza wachukumisa umphezulu wentonga yasebukhosini.