INdumiso 139:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Nobumnyama obo bebungayi kungqineka bumnyama gqitha kuwe,+Kodwa ubusuku bebuya kukhanya kanye njengemini;+Ubumnyama bungasuka nje bube njengokukhanya.+ Isaya 29:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Yeha ke abo bangena nzulu ekufihleni icebo likaYehova,+ nabo bazenzo zenzeke endaweni emnyama,+ ngoxa besithi: “Ngubani na osibonayo, ingubani na nosaziyo?”+ Yeremiya 23:24 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 24 “Okanye ingafihlwa na nayiphi indoda kwiindawo ezifihlakeleyo ndize mna ndingayiboni?”+ utsho uYehova. “Andizalise amazulu nomhlaba na okunene mna?”+ utsho uYehova. Amosi 9:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Nokuba bazifihla phezu kweKarmele, ndiya kubagocagoca ngenyameko apho yaye ngokuqinisekileyo ndiya kubathabatha.+ Nokuba bayazifihla phambi kwamehlo am emgangathweni wolwandle,+ ndiya kuyalela inyoka apho, yaye imele ibalume. Hebhere 4:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe,+ kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.+
12 Nobumnyama obo bebungayi kungqineka bumnyama gqitha kuwe,+Kodwa ubusuku bebuya kukhanya kanye njengemini;+Ubumnyama bungasuka nje bube njengokukhanya.+
15 Yeha ke abo bangena nzulu ekufihleni icebo likaYehova,+ nabo bazenzo zenzeke endaweni emnyama,+ ngoxa besithi: “Ngubani na osibonayo, ingubani na nosaziyo?”+
24 “Okanye ingafihlwa na nayiphi indoda kwiindawo ezifihlakeleyo ndize mna ndingayiboni?”+ utsho uYehova. “Andizalise amazulu nomhlaba na okunene mna?”+ utsho uYehova.
3 Nokuba bazifihla phezu kweKarmele, ndiya kubagocagoca ngenyameko apho yaye ngokuqinisekileyo ndiya kubathabatha.+ Nokuba bayazifihla phambi kwamehlo am emgangathweni wolwandle,+ ndiya kuyalela inyoka apho, yaye imele ibalume.
13 Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe,+ kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.+