INdumiso 40:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Akuyoliswanga ngumbingelelo nomnikelo;+Ezi ndlebe zam uzivulile.+Umnikelo otshiswayo nomnikelo wesono akuwucelanga.+ INdumiso 50:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Andikohlwayi ngokuphathelele imibingelelo yakho,+Nangokuphathelele iminikelo yakho etshiswa kuphele ephambi kwam ngamaxesha onke.+ Isaya 1:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 “Kunangenelo ngantoni na kum ukuba mininzi kwemibingelelo yenu?” utsho uYehova. “Ndanele yimibingelelo etshiswa kuphele+ yeenkunzi zeegusha+ namanqatha ezilwanyana ezondlekileyo;+ yaye andiyoliswa+ naligazi+ lamathole eenkomo aziinkunzi neenkunzi zeemvana neenkunzi zeebhokhwe.+ Yeremiya 7:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Kuba andizange ndithethe nookhokho benu, ndingazange ndibayalele ngemini yokubakhupha kwam kwilizwe laseYiputa ngokuphathelele imibandela yomnikelo otshiswa kuphele nemibingelelo.+ Amosi 5:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Kodwa ukuba ninikela kum iminikelo etshiswa kuphele,+ andiyi kukholiswa nayiloo minikelo yenu esisipho,+ ndingayi kukhangela nakuloo mibingelelo yenu yobudlelane yamathole atyetyisiweyo.+
6 Akuyoliswanga ngumbingelelo nomnikelo;+Ezi ndlebe zam uzivulile.+Umnikelo otshiswayo nomnikelo wesono akuwucelanga.+
8 Andikohlwayi ngokuphathelele imibingelelo yakho,+Nangokuphathelele iminikelo yakho etshiswa kuphele ephambi kwam ngamaxesha onke.+
11 “Kunangenelo ngantoni na kum ukuba mininzi kwemibingelelo yenu?” utsho uYehova. “Ndanele yimibingelelo etshiswa kuphele+ yeenkunzi zeegusha+ namanqatha ezilwanyana ezondlekileyo;+ yaye andiyoliswa+ naligazi+ lamathole eenkomo aziinkunzi neenkunzi zeemvana neenkunzi zeebhokhwe.+
22 Kuba andizange ndithethe nookhokho benu, ndingazange ndibayalele ngemini yokubakhupha kwam kwilizwe laseYiputa ngokuphathelele imibandela yomnikelo otshiswa kuphele nemibingelelo.+
22 Kodwa ukuba ninikela kum iminikelo etshiswa kuphele,+ andiyi kukholiswa nayiloo minikelo yenu esisipho,+ ndingayi kukhangela nakuloo mibingelelo yenu yobudlelane yamathole atyetyisiweyo.+