Eksodus 14:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Wasolula uMoses isandla sakhe phezu kolwandle;+ waza walwenza uYehova lwabuyela umva ulwandle ngomoya onamandla wasempuma ubusuku bonke, waluguqula lwaba ngumhlaba owomileyo ulwandle,+ ahlukana amanzi.+ Numeri 11:31 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 31 Kwaqhambuka umoya+ ovela kuYehova waza waqhuba izagwityi elwandle,+ wazithi saa enkampini, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zaba ngangohambo lwemini ngaphaya, zajikeleza inkampu, zangangeekubhite ezimbini ukuphakama kwazo phezu komhlaba. INdumiso 78:26 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 26 Wabangela ukuba kuqhambuke umoya wasempuma emazulwini+Wenza umoya wasezantsi uvuthuze ngamandla awo.+ INdumiso 107:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 Indlela atsho ngayo ilizwi aze abangele kuvele umoya ovuthuzayo,+Ukuze uphakamise amaza ayo.+ INdumiso 147:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 Uthumela ilizwi lakhe+ lize linyibilikise.Ubangela kuvuthuze umoya wakhe;+Amanzi ayathontsiza. Yona 1:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Kwaye uYehova wezisa umoya omkhulu elwandle,+ kwaza kwabakho isivuthuvuthu esikhulu+ elwandle; yaye inqanawa yona yayisele iza kwaphuka.
21 Wasolula uMoses isandla sakhe phezu kolwandle;+ waza walwenza uYehova lwabuyela umva ulwandle ngomoya onamandla wasempuma ubusuku bonke, waluguqula lwaba ngumhlaba owomileyo ulwandle,+ ahlukana amanzi.+
31 Kwaqhambuka umoya+ ovela kuYehova waza waqhuba izagwityi elwandle,+ wazithi saa enkampini, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zaba ngangohambo lwemini ngaphaya, zajikeleza inkampu, zangangeekubhite ezimbini ukuphakama kwazo phezu komhlaba.
26 Wabangela ukuba kuqhambuke umoya wasempuma emazulwini+Wenza umoya wasezantsi uvuthuze ngamandla awo.+
4 Kwaye uYehova wezisa umoya omkhulu elwandle,+ kwaza kwabakho isivuthuvuthu esikhulu+ elwandle; yaye inqanawa yona yayisele iza kwaphuka.