Nehemiya 5:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Ke zona ezinye iirhuluneli ezazingaphambi kwam, zazibenzela ubunzima abantu, yaye zaziqhubeka zithabatha kubo amashumi amane eeshekele zesilivere ukwenzela isonka newayini. Abalindi babo babebalawula abantu.+ Ke mna, andizange ndenze ngaloo ndlela+ ngenxa yokoyika uThixo.+ INtshumayeli 4:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Ndabuya ke ndazibona zonke izenzo zengcinezelo+ ezenziwayo phantsi kwelanga, yaye, khangela! iinyembezi zabo bacinezelweyo,+ kodwa bengenamthuthuzeli;+ yaye kwicala labacinezeli kwakukho amandla, khon’ ukuze bangabi namthuthuzeli. Amosi 4:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 “Liveni eli lizwi, nina zimazi zeenkomo zaseBhashan,+ ezisentabeni yaseSamariya,+ eziqhatha izisweli,+ ezityumza amahlwempu, ezithi kwiinkosi zazo, ‘Zisani, sisele!’
15 Ke zona ezinye iirhuluneli ezazingaphambi kwam, zazibenzela ubunzima abantu, yaye zaziqhubeka zithabatha kubo amashumi amane eeshekele zesilivere ukwenzela isonka newayini. Abalindi babo babebalawula abantu.+ Ke mna, andizange ndenze ngaloo ndlela+ ngenxa yokoyika uThixo.+
4 Ndabuya ke ndazibona zonke izenzo zengcinezelo+ ezenziwayo phantsi kwelanga, yaye, khangela! iinyembezi zabo bacinezelweyo,+ kodwa bengenamthuthuzeli;+ yaye kwicala labacinezeli kwakukho amandla, khon’ ukuze bangabi namthuthuzeli.
4 “Liveni eli lizwi, nina zimazi zeenkomo zaseBhashan,+ ezisentabeni yaseSamariya,+ eziqhatha izisweli,+ ezityumza amahlwempu, ezithi kwiinkosi zazo, ‘Zisani, sisele!’