INdumiso 41:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Ngako oku ndiyazi ukuba uyayoliswa ndim,Ngenxa yokuba utshaba lwam aludumi ngoloyiso phezu kwam.+ INdumiso 84:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Baya kuhamba ngamandla;+Ngamnye ubonakala kuThixo eZiyon.+ IMizekeliso 18:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Yinqaba eyomeleleyo+ igama likaYehova. Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.+ Isaya 40:31 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 31 kodwa abo bathembela+ kuYehova baya kufumana amandla kwakhona.+ Baya kunyuka ngamaphiko njengeenkozi.+ Baya kubaleka baze bangatyhafi; baya kuhamba bangadinwa.”+ Filipi 4:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.+
31 kodwa abo bathembela+ kuYehova baya kufumana amandla kwakhona.+ Baya kunyuka ngamaphiko njengeenkozi.+ Baya kubaleka baze bangatyhafi; baya kuhamba bangadinwa.”+