IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 25:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Okunene uya kuginya ukufa ngonaphakade,+ yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.+ Nongcikivo lwabantu bakhe uya kulususa emhlabeni wonke,+ kuba uYehova uthethile.

  • Marko 12:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 Kodwa ngokuphathelele ukuvuswa kwabafileyo, anizange nifunde na kwincwadi kaMoses, kwingxelo ephathelele ityholo elinameva, okokuba uThixo wathi kuye, ‘NdinguTHIXO ka-Abraham noThixo kaIsake noThixo kaYakobi’?+

  • Yohane 11:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 UMarta wathi kuye: “Ndiyazi ukuba uza kuvuka eluvukweni+ ngomhla wokugqibela.”

  • Yohane 11:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 UYesu wathi kuye: “Ndim uvuko nobomi.+ Lowo ubonisa ukholo kum, nokuba uyafa, uya kubuyela ebomini;+

  • 1 Korinte 15:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Ekubeni ukufa+ kungomntu, nokuvuka ekufeni+ kukwangomntu.

  • 1 Tesalonika 4:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Kuba ukuba niyakholwa ukuba uYesu wafa waza wavuka kwakhona,+ ngokunjalo, nabo balele ekufeni uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share