32 ndide ndifike ndinithabathele kwilizwe elinjengelizwe lenu,+ ilizwe lokudla okuziinkozo newayini entsha, ilizwe lesonka+ nezidiliya,+ ilizwe leminquma nobusi;+ nize niqhubeke niphila ningafi. Ningamphulaphuli uHezekiya, kuba uyanilukuhla, esithi, ‘UYehova uya kusihlangula.’+