17 “Phakathi kweveranda nesibingelelo+ ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova, mabalile baze bathi, ‘Owu Yehova, yiba nosizi ngabantu bakho, musa ukulenza ilifa lakho libe lungcikivo,+ ukuba balawulwe ziintlanga. Kutheni na ukuba bathi phakathi kwezizwana: “Uphi na uThixo wabo?”’+