7 kanjalo ndiza kubazisa entabeni yam engcwele+ ndize ndibenze babe nemihlali endlwini yam yomthandazo.+ Umnikelo wabo otshiswa kuphele+ nemibingelelo yabo+ iya kuba yeyokwamkelwa esibingelelweni sam.+ Kuba yona kanye indlu yam iya kubizwa nangokuba yindlu yomthandazo yazo zonke izizwana.”+