4 Wahamba uhambo oluthabatha usuku waya entlango, ekuhambeni kwethuba wafika phantsi komthi othile womtshayelo.+ Yaye wacela ukuba umphefumlo wakhe ufe kwaye wathi: “Kwanele! Owu Yehova, wuthabathe umphefumlo wam,+ kuba andilunganga ngaphezu kookhokho bam.”