IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 32:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Ngokuba umsindo wam unjengomlilo+

      Yaye uya kuvutha ude use eShiyol, eyeyona ndawo isezantsi,+

      Uya kuwudla umhlaba nemveliso yawo+

      Uvuthise neziseko zeentaba.+

  • Yeremiya 4:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Zaluseleni kuYehova, nize nisuse amajwabi eentliziyo zenu,+ nina madoda akwaYuda nabemi baseYerusalem; ukuze umsindo wam ungaphumi kanye njengomlilo, uze uvuthe ngokuqinisekileyo kungekho bani ongawucimayo, ngenxa yobubi bezenzo zenu.”+

  • Nahum 1:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Ngubani na onokuma phambi kwesiqalekiso sakhe?+ Yaye ngubani na onokuphakama nxamnye nobushushu bomsindo wakhe?+

      Umsindo wakhe ngokuqinisekileyo uya kuphalazwa njengomlilo,+ namawa aya kudilika ngenxa yakhe.

  • Zefaniya 1:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kukwazi ukubahlangula ngemini yokuvutha komsindo kaYehova;+ kodwa umhlaba uphela uya kuqwengwa ngumlilo wenzondelelo yakhe,+ ngenxa yokuba uya kwenza intshabalaliso, eneneni enkwantyisayo, kubo bonke abemi bomhlaba.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share