2 Kuba imilonde-khaya+ ithethe okungaqhelekanga; nabo bavumisayo babone ubuxoki,+ bathetha amaphupha angenaxabiso, bathuthuzelela ilize.+ Kungenxa yoko le nto ngokuqinisekileyo beya kumka njengomhlambi;+ baya kuxhwaleka, ngenxa yokuba akukho malusi.+