2 Kronike 36:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 UYehova uTHIXO wookhokho babo waqhubeka ethumela nxamnye nabo abathunywa bakhe,+ ebathumela kaninzi-ninzi, ngenxa yokuba waba nemfesane ngabantu bakhe+ nangendawo yakhe yokuhlala.+ INdumiso 81:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Owu akwaba abantu bam bebendiphulaphula,+Owu akwaba uSirayeli ebenokuhamba ezindleleni zam!+ Yeremiya 7:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Ke kaloku ngenxa yokuba niqhubeka nisenza yonke le misebenzi,’ utsho uYehova, ‘yaye ndimana ndithetha kuni,+ ndivuka ekuseni ndize ndithethe, kodwa anaphulaphula,+ kwaye ndahlala ndibiza kuni, kodwa anaphendula,+ Yeremiya 11:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Kuba ndabaluleka ngokunzulu ookhokho benu ngemini yokubakhupha kwam kwilizwe laseYiputa+ kude kuse kule mini, ndivuka ekuseni, ndibaluleka, ndisithi: “Thobelani ilizwi lam.”+ Yeremiya 13:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Aba bantu banobubi nabalayo ukuthobela amazwi am,+ abahamba ngobulukhuni bentliziyo yabo+ nabaqhubeka belandela abanye oothixo ukuze babakhonze nokuze baqubude kubo,+ baya kuba kanye njengeli bhanti elingafanelekelanga nto.’ Yeremiya 16:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Kwaye nina nenze okubi ngakumbi kunooyihlo,+ yaye ngoku nilandela ngamnye ubulukhuni+ bentliziyo yakhe embi ngokungandithobeli.+
15 UYehova uTHIXO wookhokho babo waqhubeka ethumela nxamnye nabo abathunywa bakhe,+ ebathumela kaninzi-ninzi, ngenxa yokuba waba nemfesane ngabantu bakhe+ nangendawo yakhe yokuhlala.+
13 Ke kaloku ngenxa yokuba niqhubeka nisenza yonke le misebenzi,’ utsho uYehova, ‘yaye ndimana ndithetha kuni,+ ndivuka ekuseni ndize ndithethe, kodwa anaphulaphula,+ kwaye ndahlala ndibiza kuni, kodwa anaphendula,+
7 Kuba ndabaluleka ngokunzulu ookhokho benu ngemini yokubakhupha kwam kwilizwe laseYiputa+ kude kuse kule mini, ndivuka ekuseni, ndibaluleka, ndisithi: “Thobelani ilizwi lam.”+
10 Aba bantu banobubi nabalayo ukuthobela amazwi am,+ abahamba ngobulukhuni bentliziyo yabo+ nabaqhubeka belandela abanye oothixo ukuze babakhonze nokuze baqubude kubo,+ baya kuba kanye njengeli bhanti elingafanelekelanga nto.’
12 Kwaye nina nenze okubi ngakumbi kunooyihlo,+ yaye ngoku nilandela ngamnye ubulukhuni+ bentliziyo yakhe embi ngokungandithobeli.+