-
Duteronomi 13:5INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
5 Ke loo mprofeti+ okanye loo mphuphi wamaphupha makabulawe,+ kuba ethethe ngemvukelo ngoYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa waza wanikhulula endlwini yamakhoboka, ukuze akuwexule endleleni akuyalele ngayo uYehova uThixo wakho ukuba uhambe ngayo;+ uze ubutshayele ke ububi bungabikho phakathi kwakho.+
-
-
Yeremiya 29:32INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
32 ngoko ke utsho uYehova ukuthi, ‘Yabonani, ndiphethulela ingqalelo yam kuShemaya+ kaNehelam nakuyo inzala yakhe.’+
“‘“‘Akayi kuba namntu uhlala phakathi kwesi sizwana;+ yaye akayi kukukhangela ukulunga endikwenzela abantu bam,’+ utsho uYehova, ‘kuba uthethe imvukelo ecacileyo nxamnye noYehova.’”’”+
-