IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 29:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 zothi ke zonke iintlanga, ‘Kungenxa yantoni na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe?+ Kuyini na ukuvutha kwalo msindo mkhulu kangaka?’

  • 1 Kumkani 9:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Le ndlu ngokwayo iya kuba yimfumba yamanxuwa.+ Wonk’ ubani odlula ngakuyo uya kuyijonga ethe manga+ yaye uya kubetha umlozi ngokuqinisekileyo aze athi, ‘Kungenxa yasiphi isizathu ukuba uYehova enjenje kweli lizwe nakule ndlu?’+

  • 2 Kronike 7:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Ke yona le ndlu eyimfumba yamanxuwa,+ wonk’ ubani odlula ngakuyo uya kuyijonga ethe manga+ aze ngokuqinisekileyo athi, ‘Kungenxa yasiphi isizathu ukuba uYehova enjenje kweli lizwe nakule ndlu?’+

  • INdumiso 44:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Usiyekela njengezimvu, njengento edliwayo,+

      Kwaye usisasazile phakathi kweentlanga.+

  • Yeremiya 24:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 ndiza kubanikela ukuba bangcangcazeliswe, babe yinto yentlekele, kuzo zonke izikumkani zomhlaba,+ babe lungcikivo+ nomzekelo, babe sisigculelo nesiqalekiso,+ kuzo zonke iindawo endiya kubasasazela kuzo.+

  • Yeremiya 25:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 yabona, ndiya kuthumela kuzo zonke iintsapho zasemntla,”+ utsho uYehova, “ndithumele nakuNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni, umkhonzi wam,+ ndibazise nxamye neli lizwe+ nabemi balo nazo zonke ezi ntlanga zijikelezileyo;+ ndiza kubatshabalalisa ndize ndibenze into yokukhwankqiswa nento yokubethelwa umlozi+ neendawo eziphanzileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.+

  • IZililo 2:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Bonke abo badlula ngendlela bakuqhwabela izandla.+

      Bayibethel’ umlozi+ yaye bamana behlunguzela iintloko+ ngentombi yaseYerusalem, besithi:

      “Sesi sixeko na esi babefudula besithi ngaso, ‘Bubuhle obugqibeleleyo, ukugcoba komhlaba wonke’?”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share