IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Numeri 14:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 ‘UYehova, ozeka kade umsindo+ nonobubele bothando obuninzi,+ oxolela isiphoso nokunxaxha,+ kodwa ongakhe amsindise ofanelwe kukohlwaywa,+ ozisa isohlwayo sesiphoso sooyise koonyana, kwesesithathu isizukulwana nakwesesine isizukulwana.’+

  • Duteronomi 5:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Uze ungaqubudi kuzo okanye uqhutyelwe ekuzikhonzeni,+ kuba mna Yehova Thixo wakho ndinguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo,+ ndizisa isohlwayo ngesiphoso sooyise phezu koonyana, kwesesithathu isizukulwana nakwesesine isizukulwana, sabandithiyileyo;+

  • 1 Kumkani 14:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 ngenxa yeso sizathu ndiyizisela intlekele indlu kaYerobhoham, yaye ngokuqinisekileyo ndiya kunqumla kwaYerobhoham nabani na ochamela eludongeni,+ lowo ungeloncedo nongento yanto kwaSirayeli;+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kuyitshayela indlu kaYerobhoham,+ kanye njengoko ubani esusa ubulongwe abulahle.+

  • Isaya 65:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 “Khangela! Kubhaliwe phambi kwam.+ Andiyi kuthi cwaka,+ kodwa ndiza kunikela umvuzo;+ ndiza kunikela umvuzo esifubeni sabo,+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share