4 Iinkosana zathi kukumkani: “Mayibulawe le ndoda,+ kuba ngale ndlela izenza buthathaka izandla zamadoda emfazwe aseleyo kwesi sixeko nezandla zabantu bonke, ngokuthetha kubo ngokwala mazwi.+ Kuba le ndoda ayisifuneli luxolo esi sizwana kodwa intlekele.”