2 Izizwana ziya kumgodusa uSirayeli, zimbuyisele emhlabeni awunikwe nguYehova njengelifa, zize zona zibe zizicaka nezicakakazi zakhe;+ yaye abo bamthimbileyo+ baya kujika babe ngabathinjwa bakhe, kwaye umele abe nobukhosi kwabo babemqweqwedisa emsebenzini.+