19 Yabona, isandi sokukhalela uncedo kwentombi yabantu bam sivela kwilizwe elikude sisithi:+ “UYehova akakho seZiyon na?+ Okanye ukumkani wayo akakho kuyo na?”+
“Kutheni na ukuze bandicaphukise ngemifanekiso yabo eqingqiweyo, ngoothixo babo abalilize basemzini?”+