28 Kwakukho into eyayibonakala njengesaphetha+ ebakho kwingqimba yelifu mini ngemvula. Leyo yindlela okwakubonakala ngayo ukuqaqamba oko kujikelezileyo. Yayiyimbonakalo efana neyobuqaqawuli bukaYehova.+ Xa ndakubonayo oku, ndandula ke ndawa ngobuso,+ ndaza ndaliva nelizwi lalowo uthethayo.