10 Ngokuqinisekileyo ndiya kubangela izizwana ezininzi zingenwe luloyiko,+ nookumkani bazo baya kutyhwatyhwa beqhiphuke umbilini nguwe xa ndivonyavonya ikrele lam ebusweni babo,+ yaye baya kungcangcazela ngamaxesha onke, ngamnye ngenxa yomphefumlo wakhe, ngemini yokuwa kwakho.’+