Isaya 13:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Kuba zona kanye iinkwenkwezi zamazulu namakroza azo eKesile+ akayi kukhazimlisa kukhanya kwawo; okunene ilanga liya kuba mnyama ekuphumeni kwalo, nenyanga ayiyi kukhanyisa ukukhanya kwayo. Yoweli 2:31 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 31 Ilanga liya kujikwa libe bubumnyama,+ nenyanga ibe ligazi,+ ngaphambi kokufika kwemini kaYehova enkulu nebangela uloyiko.+ Amosi 8:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 “‘Kuya kuthi ngaloo mini,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘ndenze ukuba litshone ilanga emini enkulu,+ ndibangele nobumnyama elizweni ngemini eqaqambileyo. Mateyu 24:29 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 29 “Ngoko nangoko emva kwembandezelo yaloo mihla ilanga liya kwenziwa mnyama,+ nenyanga+ ayiyi kunika ukukhanya kwayo, yaye kuya kuwa iinkwenkwezi ezulwini, namandla amazulu aya kugungqiswa.+ ISityhilelo 6:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Ndabona xa yalivulayo elesithandathu itywina, kwaza kwabakho inyikima yomhlaba enkulu; ilanga laba mnyama njengerhonya+ loboya, nenyanga iphela yaba njengegazi,+
10 Kuba zona kanye iinkwenkwezi zamazulu namakroza azo eKesile+ akayi kukhazimlisa kukhanya kwawo; okunene ilanga liya kuba mnyama ekuphumeni kwalo, nenyanga ayiyi kukhanyisa ukukhanya kwayo.
31 Ilanga liya kujikwa libe bubumnyama,+ nenyanga ibe ligazi,+ ngaphambi kokufika kwemini kaYehova enkulu nebangela uloyiko.+
9 “‘Kuya kuthi ngaloo mini,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘ndenze ukuba litshone ilanga emini enkulu,+ ndibangele nobumnyama elizweni ngemini eqaqambileyo.
29 “Ngoko nangoko emva kwembandezelo yaloo mihla ilanga liya kwenziwa mnyama,+ nenyanga+ ayiyi kunika ukukhanya kwayo, yaye kuya kuwa iinkwenkwezi ezulwini, namandla amazulu aya kugungqiswa.+
12 Ndabona xa yalivulayo elesithandathu itywina, kwaza kwabakho inyikima yomhlaba enkulu; ilanga laba mnyama njengerhonya+ loboya, nenyanga iphela yaba njengegazi,+