16 Ngesandi sokuwa kwawo ngokuqinisekileyo ndiya kuzibangela zinyikime iintlanga ukuwuhlisa kwam ndiwuse eShiyol kunye nabo behla baye emhadini,+ yaye kwilizwe langaphantsi yonke imithi yase-Eden,+ emihle neyona ilungileyo yaseLebhanon, yonke esela amanzi, iya kuthuthuzeleka.+