7 Ngaphezulu, wabeka umfanekiso oqingqiweyo+ kwisibonda esingcwele awayesenzile endlwini+ uYehova awayethe ngayo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe: “Kule ndlu naseYerusalem, leyo ndiyinyuleyo kuzo zonke iintlanga zakwaSirayeli, ndiya kubeka igama lam kuse kwixesha elingenammiselo.+