-
Yeremiya 30:10INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
10 “Wena ke, musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi,” utsho uYehova, “ungangenwa nalunkwantyo, Sirayeli.+ Kuba yabona, ndikusindisa usekude nenzala yakho kwilizwe lokuthinjwa kwayo.+ Kwaye uYakobi ngokuqinisekileyo uya kubuya, angaphazanyiswa aze ahlale ngokukhululeka, yaye akuyi kubakho bani umngcangcazelisayo.”+
-
-
Hezekile 36:4INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
4 ke ngoko, zintaba zakwaSirayeli,+ liveni ilizwi leNkosi enguMongami uYehova! Itsho iNkosi enguMongami uYehova kuzo iintaba nakwiinduli, kwimisinga nakwiintlambo nakwiindawo eziphanzileyo+ ezachithwayo nakwizixeko ezishiyiweyo eziye zaba zezokuphangwa nokugculelwa kwabaseleyo beentlanga ezijikelezileyo;+
-